Mamelodi Sundowns

Lifunda Lukhulu KuMbane Elizibona KwiSundowns

Emva kwetumente yamantombazana ibibanjelwe eRhawutini ngaphantsi kweSAFA kutshanje, umdlali uIsiphile Mbonyana unethemba ngekamva lakhe.

Lentombazana ayiyilibali eyokutyunjwa ukuba iyodlala namaqela afana neMntla Ntshona kunye neNtshona Koloni – iyazifela ngoBambanani Mbane weMamelodi Sundowns neBanyana Banyana.

Njengokuba wonke amaphondo angaphantsi koSAFA ebequbisene kumabala aseSturrock Park kwiDyunivesithi yaseWits nje, iGauteng yagqwesa nalapho yaphumelela indebe.

Ngokwenkqubo kaSAFA, lemidlalo ibingamalungiselelo okutyumba abadlali abangamantombazana namakhwenkwe angaphantsi kweminyaka eli15.

FUNDA NALAPHA: Izifuna KwiBetway Premiership Ifolosi YeYoung Tigers

UMbonyana ke yena ufunda kwisikolo iSterkspruit Community School kuMasipala iSenqu nodlalela iVolovolo Young Killers, akawuvali umlomo ngokuzuza ithuba elilivelatanci.

Mbonyana

Ethetha ngokukhethekileyo nelikhasi, elityendyana lentombazana lidlala embindini webala nanjengefolosi, lithi lafunda okuninzi kuletumente ibisingathwe kwyinyanga ephelileyo.

Njengokuba iphondo laseGauteng latyatyusha iKwaZulu-Natal ngenqaku elinye eqandeni, iSAFA yabhengeza nabadlali abazakumela uMzantsi Afrika.

Kuletumente iCAF African Schools Championships ezakusingathwa yiNamibia kulenyanga, uMongameli weSAFA uDanny Jordaan naye wavuyisana nababadlali abasebancinane.

Ngaphandle kukaMbane nophuma kwisithili saseHeshele eSterkpruiit, uMbonyana uthi uyamthanda ukapteni weBanyana uRefiloe Jane.

“Itumente yayintle kakhulu yaye salivuyela ithuba singabadlali. Mna ndakhethwa kwitumente eyayibanjelwe eAlivani (Aliwal North),” utshilo uMbonyana.

“Ndaqhuba kakuhle ndabizwa kwimidlalo yayibanjelwe eMonti nalapho ndazibona ndingena kwiqela lephondo lethu.”

FUNDA NALAPHA: OweSwallows Udiza Umfutho Awumunye Kunozinti WeChiefs

Iphondo leMpuma Koloni laqubisana nelaseMntla Ntshona kodwa ladlala ntanganye ngaphambi kokubethwa lelaseNtshona Koloni – kodwa uthi ufunde okunzinzi lomdlali ozifuna kwelaseChloorkop.

Echaza ngothando lwakhe kuMbane noJane, lomdlali onekamva eliqaqambileyo uthi angaluga kwiSundowns eqeqeshwa nguJerry Tshabalala.

“Ndifundile okuninzi kulatumente, ndafunda ukusebenzisana njengeqela yaye nonxibelelwano lubalulekile emdlalweni,” iyaqhuba lefolosi enephupho lokunxiba ijezi yeqela lesizwe iBanyana.

“Kwakunzima kweminye imidlalo kwanyanzeleka ukuba senze iinguqu kwindlela esidlala ngayo.

“Lilonke ndabona ukubaluleka kokufunda umdlalo, ndikwazi ukusebenzisa amathuba ngokubona izikhewu ezivulekile.

“Umdlalo weSundowns (U15) ungandilungela, ndiyawuthanda yaye neminyaka isandivumela.

“Bobabini uJane noMbane baqhuba kakuhle kwiqela lesizwe.

“Ndichazwa kukuzinikela kwabo, badlala ngomdla omkhulu nangenkuthalo.

“Siyakwazi abakuzuzile ebholeni, iziphumo zithetha lukhulu. Ndicinga ukuba bangumzekelo omhle yaye basinika ithemba singabadlali abasakhula.”