
‘Asiboyiki’ – UMabasa Akanavalo Ngobungozi BeJwaneng
Njengoba bejonge ukuphindisa isixhiba, umdlali weOrlando Pirates uTshegofatso Mabasa uthi akayoyiki iJwaneng Galaxy.
IPirates izakuqubisana nezikaMorena Ramoreboli iGalaxy kumdlalo wabo weCAF Champions League kulempelaveki kwilizwe laseBotswana.
Lomdlalo ufika emva kokuba iPirates yathi yabethwa leliqela kuletumente kumnyaka ophelile, lomdlali akasiboni isidingo sokuyoyika iGalaxy.
UMabasa uchaza nangobudlelwane bakhe noRamoreboli esitsho esithi uyamazi ukususela kwiintsuku zabo kwiqela iBloemfontein Celtic.
Ngaphezu koko, uRamoreboli uthethe ngezikaJose Riveiro kweziveki ezigqithile esithi uyayazi inxalenye yabadlali beziMnyama.
FUNDA NALAPHA: ‘Andizelanga Mali’ – Utsho UMiguel WeChiefs
Lontetha ichaza ukuba lomqeqeshi uyabazi abadlali abanje ngoMabasa njengokuba esebenze naye kwiSiwelele nakwiBafana Bafana kwitumente yeCOSAFA.

“Ewe ndandikhe ndasebenza naye uRamoreboli kwinkulisa yeCeltic. Ndaye ndasebenza naye nakwiCOSAFA kulomnyaka ophelile,” utsho uMabasa.
“Ungumqeqeshi endimaziyo kakhulu yaye uyasazi nathi njengabadlali. Kodwa lomdlalo wohlukile.
“Ndikhulile njengomdlali, kuninzi okuzakwenzeka kulomdlalo xa sijonga indlela esizimisele ukudlala ngayo. Umdlalo awuzuba yilendlela oyilendeleyo.
“Ungafunda yonke into kodwa into ezokwenzeka emdlalweni iphuma kumdlali ngamnye and nendlela ekucwangciswe ngayo ngalomini.
“Lilonke asinaxhala ngomqeqeshi uRamoreboli. Siya emdlalweni yaye sizozinikela.”
FUNDA NALAPHA: Uvuyo KuBroos NgoMbatha, Unethemba KweyeAFCON
Eqhuba ngaphambi kwalomdlalo ojongwe ngabomvu, lomfana okhe wadlala kwiMoroka Swallows neSekhukhune United uthe uyamhlonipha umqeqeshi wakhe wangaphambili.
“Umqeqeshi uRamoreboli akafani nabanye, zange nangenye imini ndasithandabuza isakhono sakhe,” wongezile uMabasa
“Ndandihleli ndikholelwa kuye, ndicinga ukuba ngoku uvuna iziqhamo zomsebenzi wakhe.
“Ndisitho nje, ngumqeqeshi obelindele ithuba elifana neli. IJwaneng yenze lonto yaye bayavuna ngoku – banekamva elihle.”
