
‘Sisekhondweni Elihle’: UManqoba Emva Kokubethwa SiStellies
Umqeqeshi weMamelodi Sundowns uManqoba Mngqithi akayivumi eyokubethwa yiStellenbosch emdlaweni weMTN8 ngolwesithathu.
Lomdlalo ububanjelwe kwibala iLucas Moripe Stadium nalapho iSundowns yohlulekile ukufaka amanqaku yaze yabethwa ngenqaku elinye eqandeni.
Ethetha nabeendaba nalapho abalandeli beSundowns bebengonwabanga, uMngqithi uthi abadlali basekhondweni elihle yaye uthembisa okungcono ngempelaveki.
Nangona iSundowns ibinomdlalo omhle, ulwe ngamandla unozinti weStellies uSage Stephens nalapho ethe waphumelela iwonga lokuba ngumdlali ogqwesile.
EzaseNtshona Koloni zifake inqaku ngepenalti ethe yavalelwa emnatheni nguFawaaz Basadien kwisigaba sesibini somdlalo.

Lamaqela ayaphinda emva kwendlu kulecawa izayo eMoses Mabhida Stadium nalapho eliphumeleleyo lizakudlala kowamagqibela kankqoyi.
“Kwelinye ixesha ndibona ukuba amathuba wethu athande ukunqaba kulomdlalo kodwa ndiyabona into esizama ukuyizuza njengeqela,” utshilo uMngqithi.
“Ndiyabona eliqela liya libangcono yaye liqina njengokuba siqhubeka nomsebenzi. Ndibabona bezuza okungaphezulu kunalesizini ephelile.
“Ndibona ukuba sohlulekile ukulawula umdlalo nalapho singakwazanga ukuthabatha amathuba wethu.
“Ibhola asikwazanga ukuyijekelezisa ngokwaneleyo ukuze sizifumane kwiindawo ezinobungozi. Ndinethemba sikhondweni elihle.”
Lomqeqeshi onamava nokhe wakhokela iGolden Arrows nalapho waphumelela letumente yeMTN8, uthe uthabatha izifundo kulomdlalo nezikaSteve Barker.
Kwakulomdlalo, abanye abalandeli bavakalise ukungonwabi ngenxa yokushiya ukapteni uThemba Zwane ebhentshini kodwa umqeqeshi uhleli ethembeni.
“Ndithabatha izifundo ezininzi kulomdlalo. Xa udlala neqela elifana neStellenbosch, uye ubone ukuba imidlalo yePSL izajongeka kanjani na,” uyachaza uMngqithi.
“Nditsho kuba amaqela amaninzi azohlala ebeka abadlali abaninzi ngasemva aze amane ehlasela. Isizathu sabo kukutsala iqela lam liye kubo ukuze kuvuleke izithuba.
“Amanye amaqela ke ayayonwabela lendlela yokudlala ikakhulu xa edlala ibhola kwisiqingatha sabo.
“Lonto yenza babenobungozi xa bengenayo ibhola kubo. Kodwa xa benebhola kuninzi ongakuzuza.”
Ngenxa yokungafumaneki kwebala iDanie Craven eStellenbosch, umlenze wesibini uzakubanjelwa eMoses Mabhida Stadium ngentsimbi yesithathu ngecawa.
