
IPSL Ithe Cwaka NgeZigidi KwiBetway Premiership
Nangona iphehlelwe ngokusesikweni isizini yeligi, iBetway Premiership, iPSL isathe cwaka ngemali ezakuphunyelelwa ziintshatsheli.
Inkcukacha azikakhutshwa ngabePSL njengokuba kulindeleke indebe entsha kulesizini kunye nesamba semali sentshatsheli zika2024/25.
Kulomsitho wokuphehlelela iligi nesizini entsha ngaphantsi kwaba baxhasi iBetway ngolwesibini, owePSL uMato Madlala uthe unovuyo.
Esisikhulu nokwangusihlalo weGolden Arrows, uthe bafuna ukwenza imbali bebambisene nabeBetway.
FUNDA NALAPHA: URiveiro Ubona Umnqantsa Kweyeligi Entsha
Bonke abaqeqeshi bePSL bebengungelene eRhawutini nalapho bekukho neengqwele zalapha ezifana noSiphiwe Tshabalala, Lebohang Mokoena, Hlompho Kekana, noLehlohonolo Majoro nalapho bechazwe njengoonozakuzaku balenkampani yokungcakaza.
Ngokweengxelo ezithe ndii, indebe kulindeleke ukuba iveliswe nguNelson Makamo ongumzobi odumileyo eMzantsi Afrika.
“Namhlanje yimini enkulu enembali kwibhola laseMzantsi Afrika,” utshilo Laurence Michel wakwaBetway.
“Ngobambiswano nePSL, uBetway uzibona ehloniphekile ukukhokela abalandeli kuhambo olonwabela inkcubeko nempumelelo yebhola lethu.
“Iphupha lethu kukuba siveze ubuchwepheshe bethu sithathe lomdali siwubeke kwelinye izinga.
“Sifuna nokuqinisekisa ukuba ukubambisana nePSL ivula amathuba yaye ize nekamva eliqaqambileyo kwibhola yaseMzantsi.”
Ethethela abePSL, uMadlala uthi bayimigcobo ngalomtshato neBetway yaye bafuna wonke umlandeli webhola ekhatywayo onwabe kweli.
FUNDA NALAPHA: UNabi Ubika Imbiba, Ibuzi Ngezithembiso KwiChiefs
“Asikwazi kuzibamba nokuqala umsebenzi ngomhla ka14 Septemba. Sinovuyo ngokusebenza nabakwaBetway,” utsho uMadlala.
“Lomtshato usiphathele ithuba lokuba sithathe umdlalo uye phambili nakwizinga eliphezulu.
“Sizakuthi siveze indebe entsha ezakuthi iguqule iincwadi zembali.
“Sifuna ukuphathela abalandeli ulonwabo ngebhola. Kwabo abasebaleni nabo basekhaya kumabonakude.”
