
USirino Uyabuya Kumdlalo WeRoyal AM
Betway Premiership – Umqeqeshi weKaizer Chiefs uNasreddine Nabi uthi uzakumdlalisa uGaston Sirino xa bedibana neRoyal AM.
Amakhosi abethe iRichards Bay ngolwesithathu koweBetway Premiership umdlalo kodwa akabonakalnga nangotshengele lokaSirino.
Ecacisa ngalomdlali uNabi, lomqeqeshi uthe uSirino ubuya kumonzakalo yaye uzakube ewulungele lomdlalo wangomgqibelo ePeter Mokaba ePolokwane.
FUNDA NALAPHA: Mngqithi: ‘Kungcono Xa ISundowns Ileqa IPirates”
Ngaphandle kukaSirino, abadlali abafana noRanga Chivaviro kunye noMfundo Vilakazi nabo abadlalanga nezikaBrandon Truter.

“uSirino uvela kumonzakalo. Nangoku sasidlala eGqeberha kwiHome of Legends, wayenomonzakalo. Sasizimisele ukumnika imizuzu ebaleni kodwa ngenxa yezinye iimeko zange sikwazi,” utsho uNabi.
“Sizakumbona kumdlalo olandelayo weRoyal AM.”
Ephawula ngempumelelo yabo kuleveki, uNabi uthe uchazekile ngabadlali abafana noAshley Du Preez, Pule Mmodi noSibongiseni “Ox” Mthethwa abathe bafumana amathuba okudlala.
“Ndivuyile ukubona abadlali abafana noAshley. Ukuzithemba kwakhe kuzokwenyuka ukuya phambili,” uphawule uNabi.
“uOX naye udlale kakuhle kakhulu noMmodi uwenzile umsebenzi wakhe kodwa siyakholelwa ukuba bangenza ngcono.
FUNDA NALAPHA: Igqala LeChiefs Alichazeki Ngemeko KaKhune
Kusenjalo, uJohn Maduka uthe unexhala lokudibana neChiefs ngaphandle komdlali wangaphambili uSera Motebang onqunyanyisiwe ngenxa yokufumana ikhadi elibomvu.
“Yilahleko enkulu kuthi le. Umntu ofana noSera uyasinceda. Ukuba angabikho xa sijongana neChiefs yilahleko kuthi leyo,” utsho uMaduka.
“Kodwa ke bakhona abanye abadlali abazakufumana ithuba bazibonakalise.”
