Bafana Bafana

Umqeqeshi WeBafana Bafana: ‘Andisosidenge Mna’

BAFANA – Umqeqeshi weBafana Bafana uHugo Broos uthi akasosidenge ngokuba ebeyazi ukuba bayaya kwitumente yeCAF AFCON.

LokaBroos uthethe kanje emva kokubetha iSouth Sudan ngamanqaku amathathu eqandeni kwibala iDHL eKapa ngolweisbini ebusuku.

Nangona ezakhe besezizibekele indawo kuletumente yelizwekazi iAfrika, lomqeqeshi uthi iqela lakhe likhulile yaye kunomehluko omkhulu.

FUNDA NALAPHA: UBroos Uyagxekwa Ngokuhlomla NgoMngqithi

Ephawula ngendima yaykhe ayidlale kweliqela njengokuba sokubonakala nabalandeli bayaligcwalisa ibala, uthe kuyamvuyisa oko kodwa bekungelula.

Abalandeli beBafana babemgxeka lomqeqeshi emveni kokufika kwakhe kodwa emva kwemidlalo engama40 ekhaya, akakabethwa.

Xa ujonga imidlalo yasekuhambeni, uBroos ubethwe liqela laseGhana, Mali, Rwanda, Morocco kunye neFrance – uphumelele engama21, wabethwa emihlanu kodwa eli14 idlalwe ngokulingana.

“Uyandazi andisiso isidenge, bendiyazi sizakufikelela kwiAFCON,” utshilo uBroos kwabeendaba.

“Ndanditshilo ndathi ukuba asifikeleli nakwindebe yomhlaba ka2026, ndizakubeka phantsi iintambo.

“Kodwa xa ujonga eliqela uphinde ujonge leminyaka egqithile, uyabonakala umehluko. Kunomehluko wobusuku nemini kwinto yonke.

“Izinga, amandla, iziphumo – kuyo yonke into ongayitsho. Mkhulu umehluko, sisebenze nzima ukuze sifikelele apha, silenze laqine eliqela – bokungelula.

FUNDA NALAPHA: UBroos Akaxolanga Ngesibini SeSundowns

“Kakade ndiyavuma ukuba ekuqaleni bebesithandabuza abantu, abanye bengandithembi nento endiyenzayo.

“Abanye besithi akukho badlali abaphuma kwiChiefs yintoni leyo? Kodwa silapha ngoku, wonke umntu wonwabile yaye uyazidla ngeBafana.

“Uyabona nabalandeli babuyile ebaleni. Sasidlala kwibala elinganamntu. Indinika ukuzidla lonto nabadlali ngokunjalo.”