
UMako Uyiphoxile iPirates, Umanyaniswa NeChiefs
BETWAY PREM – Umdlali wangasemva weOrlando Pirates uPaseka Mako uliphoxile eliqela njengokuba esayine neKaizer Chiefs.
Ngokwengxelo equlethwe ngabeSABC Sport, uMako akavumanga ukusayina isivumelwano esitsha nePirates emva komdlalo weNedbank Cup.
IPirates yathi yabethwa yiChiefs kumdlalo weKeYona wamagqibela-kankqoyi kodwa kudizwa ukuba lomdlali sekesayine nezikaNasreddine Nabi.
Kusenjalo, isivumelwano sikaMako neZimyama Ngenkani kulindeleke ukuba siphele ekupheleni kwale imiyo.
FUNDA NALAPHA: UMshishi Ufuna Ukwenza Kweyendebe Yomhlaba
Ngaphezu koko, uMako angajoyina ezaseNaturena kunye nokhululwe yiPirates uThabiso Monyane.
Oku Kuvela emva kokuba uMonyane ebhale uxwebhu olude ediza ngokuhamba kwakhe eMayfair emva kweminyaka engama13.
Lomdlali waseqabangeni lasenxele uzibone engasenandawo ngaphantsi kukaJose Riveiro yaye kucaca ukuba akavumanga ukusayina esinye isivumelwano nezintshatsheli zeMTN8.

Amanye amajelo eendaba adiza ukuba uMako kulindeleke ukuba yinxalenye leqela leChiefs elizakuntingela eNetherlands kwinkampu ngaphambi kokuba baqale isizini yabo ka2025/26.
FUNDA NALAPHA: UWilliams Uyinxanelwe Indebe Entsha YeCAF CL
Kwezinye iindaba, kuvela ukuba owayesakudlalela iMamelodi Sundowns uSipho Mbule angahle azibone ebaleka kwezikaNabi kwisizini ezayo.
Ezi zithe ndii emva kokuba uMike Makaab ongumphathi wakhe, ethe wadiza ukuba iChiefs ixelelwe ngMbule ogqiba kukhululwa yiSekhukhune United.
Nangona kunjalo, abalandeli beMpofana bohlukene ngalomdlali wasesiswini njengokuba kusoloko kuvela iindaba zokuba uyayithanda ibhotile nesimilo sakhe asincumisi komke konke.
