
UPHELILE UMTSHATO KUNDAH NEPIRATES
BETWAY PREM: Umdlali waseNigeria uOLisa Ndah uyishiyile iOrlando Pirates ngesivumelwano emva kokuswela umdlalo.
Lomdlali wangasemva ubambe iingxoxo nePirates de kwafikelelwa kwisivumelwano sokuhamba kwezinkunzi zaseSoweto.
Iqela likaAbdeslam Ouaddou likhuphe ingxelo ngolwesine nalapho limqwenelele okuhle kodwa lomdlali.
UNdah wafika kweziMyama Ngenkani ngoka2021 waze wadlala imidlalo engaphaya kumashumi asibhozo.
FUNDA NALAPHA: NEDBANK: Amakhosi Aphinda Emva Kwendlu NeStellies
Nangona kunjalo, akakakwazanga ukudlala rhoqo ngaphantsi kukaJose Riveiro noOuaddou ngenxa yokonzakala.

“Iqela iOrlando Pirates lingakungqina okokuba lifikelele kwisivumelwano nomdlali wangasemva uOlisa Ndah okokuba sohlukane,” itshilo iPirates.
“Lomdlali waseNigeria uzicelele ukulishiya eliqela yaye akhululwe kwisivumelwano sengqesho neliqela.
FUNDA NALAPHA: UKracaza WeDawana ULeón Uphawula Ngesigqibo Sakhe
“Esi sivumelwano sifike emva kweengxoxo ebezinentlonipho ngaphakathi kwabaphathi beqela kunye nomdlali.
“Into engundoqo yeyokuba siyamvisisa lomdlali neminqweno yakhe – sifuna ukumnika ithuba lokuba azifunele iqela lakhe adlale rhoqo.
“Eliqela liyasihlonipha isigqibo nomqweno wokuqhubekeka nomdlalo wakhe ebholeni. Eliqela leOrlando Pirates lingathanda ukumnqwenelela okuhle kodwa uOlisa.
“Siyamazi ebengumdlali ozinikele, oziphethe kakuhle – siyambulela ngokuzinikela kweliqela.”
