Betway Premiership

UCijimpi Ubhodla Umlilo Ngonozinti UMothwa

Umqeqeshi waMaZulu uPablo Franco Martin uyacaphuka esithi makungancanyathelwa kwiimposo zikanozinti uVeli Mothwa.

LokaMartin nophuma kwilizwe laseSpain uthi bonke oonozinti bayazenza iimpazamo emva kokubethwa yiPolokwane City.

USuthu bokubonakala lingadlala ngokulingana koweBetway Premiership kodwa uMothwa uphuncule ibhola ekhokelele ekubeni iCity ifake inqaku lokuphumelela ngo2-1.

Emva komdlalo ubudlalelwa ePolokwane, lomqeqeshi uxhasa lonozinti weBafana Bafana ogqiba kwenza iimposo ezimbini ngelixa bedlala neUganda kwiveki ephelileyo.

UMartin uthi kulula ukukhetha uMothwa nokuba agxekwe ngabalandeli naziintatheli kodwa iifolosi zakhe nazo zohlulekile ukufaka amanqaku.

FUNDA NALAPHA: Amarhe: UMbule Ujongene Nezembe eChloorkop

“Wonke umntu ubone inqaku kodwa kuyabonakala yimpazamo leya. Sonke siyazenza iimpazamo,” utshilo lomqeqeshi.

Veli Mothwa

“Iifolosi zethu aziwafakanga amanqaku, ekugqibeleni siphulukene namanqaku amathathu. Namhlanje besinawo amathuba amane, amahlanu wokufaka amanqaku.

“Iibhola zethu zibethe iipali kodwa akekho umntu othetha ngabadlali bangaphambili.

“Kwelinye ixesha iintatheli zithatha icala kodwa ndiyavisisa kuba zifuna ukuthengisa amaphephandaba.

“Zifuna nokulandelwa kumakhasi onxibelelwano. Kubuhlungu ukubona lonto.”

Kusenjalo, kumdlalo wabo olandelayo, ezaseThekwini zizakujongana neKaizer Chiefs kwiveki ezayo kwibala iMoses Mabhida ngolwesithathu weveki ezayo.

Eqhuba ngokuxhasa umgcini zipali wakhe, uMartin uthi kunyanzelekile azame ukubuyisa ukuzithemba kuMothwa.

FUNDA NALAPHA: BAFANA: UBroos Akaphumi Egusheni NgoMothwa

“UVeli nguye yedwa umdlali ohlala ebizwa kwiBafana, lonto ithetha lukhulu ngaye. Ngoku kufuneka simxhase abuyele kwisimo sakhe sangaphambili,” uyaqhuba uMartin.

“Ubenomdlalo omhle uVeli ngaphambi kokwenza impazamo. Indlela eyenzeke ngayo ayisoze iguqule imeko yomdlalo.

“Ebethetha kakuhle nabadlali, ewulawula kakuhle umdlalo yaye ukwazile nokuphuma xa kufuneka eqhawule iibhola.

“Lilonke, ayikho into ethethwayo ngamanqaku esiwafakile nesiwaphosile – kuyacaca yimpazamo leya ethe yasiphosanisa nenqaku.”