
EZINTSHA: Uhambile ULepasa KweziMnyama
Umdlali wangaphambili uZakhele Lepasa uchithiwe yiOrlando Pirates emva kokuswela indawo kwisizini ephelileyo.
ULepasa ebehleli esayanyaniswa nokuhamba okanye namanye amaqela emva kokuzibona engadlali rhoqo kweziMnyama Ngenkani.
Nangona kufike umqeqeshi omtsha uAbdeslam Ouaddou nje, uLepasa ebenethemba njengokuba bokucaca ukuba uJose Riveiro akamvisisi.
FUNDA NALAPHA: UTau Uthi Angayamkela IR450 000 KwiChiefs
Emva kokudizwa kweqela leBafana Bafana nguMolefi Ntseki leCAF CHAN nalapho lomdlali ebebhalwe njengalowo ongenaqela, iPirates ikhuphe ingxelo ngolwesihlanu.
Kwingxelo ekhutshwe kumakhasi onxibelelwano, iPirates ithe iyambulela uLepasa yaye imnqwenelela okuhle kuhambo lwakhe.
Ukuhamba kwakhe uLepasa kulandela ukubolekiswa kumaqela afana neTS Galaxy, Stellenbosh kunye neSuperSport United.

Kusenjalo uthe wavalela amanqaku eli15 kwimidlalo engama64 kweliqela laseOrlando nalapho ethe waphumelela iindebe ezintlanu.
Kwezinye iindaba, iMamelodi Sundowns imkhulule umdlali waseqabangeni uKobamelo Kodisang ozibona ebuyela ePortugal kwiqela iAVS Futebol.
FUNDA NALAPHA: UCardoso Uncome Ezakhe Nangoncedo Lwemozulu
Lomdlali ozalelwa kwiphondo iMntla Ntshona, ufike kwezaseChloorkop ngesizini ka2024/25 kodwa wadlala imidlalo eli11 kuzo zonke iitumente.
Ngaphambi kokufika kwiintshatsheli zeBetway Premiership, lomdlali ona25 uhleli iminyaka emihlanu ePortugal apho ebedlala kwiMoreirense Futebol Clube.
