
UMakgopa Ubuyele Kwiqela LeBafana Bafana
BAFANA BAFANA – Umqeqeshi weBafana Bafana uHugo Broos umbizile kwakhona umdlali weOrlando Pirates uEvidence Makgopa kwiqela lakhe lakutshanje.
Lomdlali wePirates uzibone engahoywa nguBroos kwimidlalo egqithile kodwa ngenxa yokuqhuba kakuhle uzifumanele indawo kwiBafana.
Iintshatsheli zelizwekazi iAfrika zika1996 zizakuqubisana neUganda neSouth Sudan kulenyanga eKapa nasekuhambeni njengokuba besakhangela indawo kwitumente yeCAF African Cup of Nations.
Ephawula emva kokubhengeza iqela lakhe, uBroos uthe uyamthanda lomdlali weziMnyama Ngenkani yaye uchaza izizathu zokuba ambize kwakhona.
FUNDA NALAPHA: UBroos Uyagxekwa Ngokuhlomla NgoMngqithi
Ngaphandle kukaMakgopa, umdlali ofana noMihlali Mayambela ubuyile kweliqela likaBroos kodwa ke uThemba Zwane usahleli ngaphandle emva kokonzakala.
“Oko ndamthanda uMakgopa emva kokufika kwam eMzantsi Afrika. Ungumdlali onesakhono. Wonke umntu wothuka mhla ndimbiza kwiAFCON,” utsho uBroos.
“Kodwa xa bembona eqhuba kakuhle bonke abantu bathi bamthanda. KwiPirates, udlala kakuhle yaye unomsebenzi omkhulu.
“Uyawafaka amanqaku, ungumdlali esingenaye kweliqela, unobude, mhle emoyeni kwiibhola eziphezulu. Ukuba unethuba, uyawafaka amanqaku.”
Echaza ngoMayambela odlala eCyprus kwiAris Limmasol, lomqeqeshi waseBelgium uthe unabo oongcothoza kwelalizwe abahlala bemjongile uMayambela.
“Ndinabantu abamjongile uMayambela, nomqeqeshi uCedomir Janevski (umncedisi wam) uyaqeqesha phaya kwiqela iNea Salamis,” uyachaza uBroos.
“Bendimfonele kweziveki ezigqithile apho wayejonge iqela elidlala neLimmasol. Ndambuza ngoMayambela yaye wandothusa ngokuba wadlala kakuhle uMihlali.”
IBafana izakuqubisana neeCranes eKampala ngomhla ka15 kulenyanga ze emva koko basingathe iSouth Sudan kwibala iCape Town Stadium emva kweentsuku ezine.
Iqela likaBroos lijonge ukuphumelela umdlalo omnye kule ukuze babenendawo kwitumente ezakubanjelwa eMorocco.
FUNDA NALAPHA: UBroos Akaxolanga Ngesibini SeSundowns
Iqela leBafana Bafana:
Goalkeepers:
Ronwen Williams, Sage Stephens, Sipho Chaine
Defenders:
Nyiko Mobbie, Mothobi Mvala, Rushwin Dortley, Nkosinathi Sibisi, Aubrey Modiba, Khuliso Mudau, Fawaaz Basadien, Siyabonga Ngezana
Midfielders:
Teboho Mokoena, Bathusi Aubaas, Luke Le Roux, Thalente Mbatha
Strikers:
Mihlali Mayambela, Oswin Appollis, Patrick Maswanganyi, Evidence Makgopa, Iqraam Rayners, Elias Mokwana, Thapelo Morena, Relebohile Mofokeng
