Bafana Bafana

UBroos Unovuyo IBafana Inqunqa IBenin

BAFANA – Umqeqeshi weBafana Bafana uHugo Broos unovuyo ezakhe zinqunqela egoqweni iqela laseBenin.

IBafana iphumelele ngamanqaku amabini eqandeni ngolwesibini ekuhambeni kwibala laseIvory Coast kumdlalo wokuzibekela indawo kwindebe yeFIFA World Cup.

Amanqaku eBafana afakwe nguLyle Foster noJayden Adams kwisiqingatha sesibini kodwa umqeqeshi uthi kufuneka bangazibhanxi.

Kusenjalo, amaqela afana neNigeria adlale ngokulingana neZimbabwe ukanti iLesotho yafumana inqaku elinye idlala neRwanda.

FUNDA NALAPHA: Ubuyile UTau Kwiqela LeBafana Bafana

Ephawula ngomdlalo weBenin, uBroos uthe ucinga ukuba bakwazile ukuhlalutya iqela leeCheetahs.

Nangona iBafana iphumelele, kuvela iindaba zokuba bangahle baxuthelwe amanqaku amathathu njengokuba bedlalise uTeboho Mokoena obenqunyanyisiwe neLesotho.

Iqela laseLesotho selifake isikhalazo kwiFIFA kunye neCAF njengokuba benethemba lokufumana amanqaku amathathu.

“Ndicinga ukuba iqela labahlalutyi lenze umsebenzi omhle enmva kokubacela. Besiyazi ukuba singabanobungozi kweziphi iindawo,” utshilo uBroos.

“Liqela elihle iBenin kodwa sikwazile ukugcina ibhola salinda amathuba okokuba sifake amanqaku ngamathuba alungileyo.

Bafana

“Kwisiqingatha sokuqala, ndibonile ukuba singenza into kodwa kwesesibini, kuye kwabalula.

FUNDA NALAPHA: UBroos Uncoma IPirates, Sundowns neStellies

“Ndicinga ukuba ngabe sifumene amanye amanqaku, ndixelele abancedisi bam ukuba sikwazile ukufaka inqaku lokuqala singaphumelela.

“Nyhani ke uhambe kanjalo umdlalo. Siwulawulile umdlalo yaye ndicinga ukuba besifanelekile ukuphumelela.”