
Ishota Ngenqaku ISundowns Iphamakise Indebe Yesibhozo
BETWAY PREM – Iintshatsheli zeligi iMamelodi Sundowns ishota ngenqaku ukuba iphakamise eyesibhozo iisizini zilandelelana.
EzikaMiguel Cardoso zitywatyushe iStellenbosch ngamanqaku amathathu eqandeni kwibala iLucas Moripe ngecawe nalapho bevule umtyhi kwiOrlando Pirates.
Njengokuba beshiyekelwe yimidlalo emithathu, iDawana lishota ngenqaku ukuba liyithathe lendebe yeBetway Premiership.
FUNDA NALAPHA: Uvuyo KuCardoso Encoma Abadlali BeDawana
Kusenjalo, uCardoso uncome umdlali wangaphambili uLucas Ribeiro emva kokuvalela amabini elinye lafakwa nguIqraam Rayners.
Lomdlali waseBrazil nguye okhokelayo kubadlali abanamanqaku amaninzi, uhleli kwalishumi elinesine – esithi uyavuya iphelile lembalela kuba ebengasawazi umnatha kwimidlalo emine.

“Into ebalulekileyo kukuba sibone uRayners, Tashreeq Matthews, Ribeiro kunye noArthur Sales kuquka noThapelo Maseko xa bengena benze umahluko,” uphawule lomqeqeshi.
“Kubalulekile ukuba eliqela liveze ibhola yaye lidlale kakuhle. Namanqaku mahle – andinaxhala ukuba ngubani ofake amanqaku.
“Ndingabanexhala xa abadlali bengasebenzeli iqela ukwenzela ukuba sifumane amanqaku.
“ULucas wenze umsebenzi omhle namhlanje njengokuba enike ibhola entle kuRayners. Ndifuna ukubona umoya onjalo kweliqela.
FUNDA NALAPHA: URiveiro Nexhala NgeSundowns Hayi Ngekamva Lakhe
“Ijezi yethu ibhalwe Ubuntu, lonto ithetha ukuba sisebenzela iqela hayi isiqu somntu ngamnye.
“Lilonke, ndiyavuya xa ndibona sifaka amanqaku, sidlala sonke yaye siyonwabela ibhola – yiyo into ebalulekileyo.”
