Bafana Bafana

UBroos Uchaza Ngokuvalela AbeChiefs KwiBafana

BAFANA – Umqeqeshi weBafana Bafana uHugo Broos uthi akasiboni isidingo sokubiza abadlali beKaizer Chiefs.

Kwiqela leBafana lakusthanje, akukho nomnye umdlali ophuma eNaturena yaye lomqeqeshi ongafihli makhuba kulinywa uyaphawula.

Uthi iChiefs ayinabo abadlali abangcono kunaba akababize kwiqela lakhe elizakuqubisana neMozambique kunye neTanzania.

Echaza emva kokudiza iqela labadlali abangama24 ngolwesine, uBroos akayifihli eyokuba abadlali beChiefs abenzanga ngokwaneleyo.

FUNDA NALAPHA: INGXELO: UNabi Usahleli Okwangoku ENaturena

Nangona bephumelele indebe yeNedbank Cup ngaphantsi kukaNabi, lomfo waseBlegium uthi lonto ayonelanga.

“Okwangoku andikwazi kubiza abadlali beChiefs, ndiyathemba ukuba bangenza ngcono kwisizini ezayo,” utshilo uBroos.

“Ewe bayiphumelele indebe yeNedbank kodwa ndicinga ukuba yeyona nto ethe yavelela ngeChiefs. Ezinye izinto azihambanga kakuhle.

Chiefs

“Abaxhasi nabalandeli bavuyile ngokuba banendebe. Kodwa masithethe inyaniso, akukho kuhle. Kusenjalo, iqela leChiefs alikwazi kubona lihleli kwindawo yethoba.”

Kusenjalo, uBroos akabafakanga abdlali beMamelodi Sundowns njengokuba beseYiphutha kumdlalo weCAF Champions League ngecawe.

FUNDA NALAPHA: UKekana Unethemba Ngokubetha IPyramids ECairo

Ngaphezu koko, iDawana lisingise kwindebe yeFIFA Club World Cup ezakubanjelwa eMelika kwinyanga ezayo.

IQELA LEBAFANA BAFANA:

Goalkeepers: Renaldo Leaner, Ricardo Goss, Sipho Chaine

Defenders: Nyiko Mobbie, Thabo Moloisane, Samukelo Kabini, Nkosinathi Sibisi, Khulumani Ndamani, Mbekezeli Mbokazi, Fawaaaz Basadien, Deano Van Rooyen

Midfielders: Luke Le Roux, Thalente Mbatha, Ndamulelo Maphangule, Simphiwe Selepe

Forwards: Oswin Appolis, Patrick Maswanganyi, Ashley Cupido, Relebohile Mofokeng, Tshepang Moremi, Yanela Mbuthuma, Mohau Nkota, Sinoxolo Kwayiba