
OweStellies Uphawula Ngamarhe NgeChiefs
Umdlali wangasemva weStellenbosch uFawaaz Basadien uphawule ngamarhe athe ndii njengokuba esayanyaniswa neKaizer Chiefs.
UBasadien kuvelile ukuba uyafunwa zezinkunzi zaseNaturena kodwa kuyacaca ukuba ingathi azizuphumelela ukumthenga.
Ethetha nabeendaba emva komdlalo wabo neMamelodi Sundowns koweMTN8, lomdlali waseqabangeni lasekhohlo uthi ziyamvuyisa iindaba ngeChiefs.
Lomdlali oneminyaka engama27 uthi uphantsi kwesivumelwano neStellies yaye okwakhe nje kukuqhubeka esenza ngcono ebaleni.
FUNDA NALAPHA: UMngqithi Udanile ISundowns Iquthiswa SiStellenbosch
Lomfo uqhuba kakuhle kakhulu ntoleyo eyenze ezikaNasreddine Nabi zichazeke – unamqaku amathathu kwimidlalo emihlanu yezikaSteve Barker.
Nangona kuvela ukuba iStellies izibhebhethile iinzame zeChiefs ngalomdlali, amanye amajelo adiza ukuba awakancami Amakhosi.

“Okwangoku andikwazi kugxila kulamarhe ngeChiefs, ndilawula endikwaziyo ukukulawula,” uyachaza uBasadien.
“Ndinesivumelwano neStellenbosch, kulapho ndidlala khona. Into endingayenza mna kukuqhubeka ndidlale ndincede iqela lam.
“Ndizele ukuzokwenza umsebenzi apha, ayindichaphazeli into eqhubeka kumaphephandaba.
“Ngokulindelekileyo ziindaba ezimnandi ezokwayanyaniswa neChiefs. Kodwa ke ndinesivumelwano neStellenbosch.”
Lomdlali ungomnye wabadlali abatyunjwe nguHugo Broos kwiqela lesizwe iBafana Bafana nalapho lisenkampini.
IBafana ilungiselela ukuqubisana neUganda neSouth Sudan njengoba befuna ukuzibekela indawo kweyeCAF African Cup of Nations.
“Yinto enkulu ukudlalela iqela lesizwe, liwonga elikhulu kum,” wongezile lomdlali.
“Njengomdlali webhola, uyathanda ukudlalela iqela lesizwe ngethamsanqa umqeqeshi uwubonile umsebenzi wam kwiStellenbosch.
FUNDA NALAPHA: UTau Uyazibhebhetha EzeChiefs NeSundowns
“Into endijongene nayo ngoku kukwenza ngcono ndilithabathe elithuba ndllisebenzise.”
