
IBafana Izakusingatha ICongo EGqeberha
Emva kokumenyezelwa kweqela elizakuqubisana neCongo, iBafana Bafana izakusingatha lomdlalo eGqeberha kwiPhondo laseMpuma Koloni.
Nanjengokuba bekulindeleke ukuba udlalelwe eFreyistata lomdlalo, iSAFA ithi iimeko zingaphaya kwamandla wayo.
IBafana ifuna ukuzibekela indawo kwitumente yeCAF African Cup of Nations yaye badibana nelaseCongo kwinyanga ezayo.
Ethetha neSABC, isikhulu seSAFA uLydia Monyepao uthi zikhona izinto abathe bazijonga ngaphambi kokuthabatha esi sigqibo.
Esi sibhengezo sivela nje emva kokuba uHugo Broos ememezele iqela lakhe eliseza kuchetywa – ukhuphe uluhlu ngolwesibini.
FUNDA NALAPHA: URiveiro Akawuvali NgeJoni Lakhe uMakgopa
Ezindaba zivela emva kokubona abalandeli bathi baphuma ngobuninzi babo kumdlalo weBafana neZimbabwe kweyeSilimela apho eliqela laphumelela ngo3-1.
OkaMonypao uthi bebefuna ukudlalela kwibala lasFreyistata kodwa kuyacaca ukuba imeko yebala ayizubavumela.
“Lilonke sizakudlalela kwibala iNelson Mandla Bay eGqeberha, umdlalo ungentsimbi yesixhenxe ngolwesihlanu umhla ka11,” utshilo uMonyepao.
“Isizathu sokutyumba iNelson Mandela Bay kukuba besijonge iBhlomfanteni yaye besineengxoxo noMasipala waseMangaung.
“Ngenxa yenkxaso engamandla esayifumana kweyoMsintsi mhla sidlala nelaseZimbabwe, sicinge ukuba kungakuhle sibuyele eFreyistata.
“Besifuna inkxaso kuba iBafana Bafana iwafuna wonke amanqaku ngaphambi kokuya Brazzaville.
FUNDA NALAPHA: UMcKenzie Ukhwela Ezehlela KwiSAFA noJordaan
“Kodwa ke, zikhona iimeko okanye iingxaki ezingaphaya kwamandla wethu ezinyanzelise ukuba sithathe lomdlalo siwuse eGqeberha.”
Kusenjalo, kuvela ukuba ibalala laseBhlomfanteni lizakusingatha umdlalo wombhoxo kwiintsuku ngaphambi koweBafana.
“Sicinge iimidlalo ezakubanjelwa eMangaung kulampelaveki njengemeko yebala – umdlalo weBafana ubungazulunga,” uyachaza uMonyepao.
“Siye safikelela kwisigqibo sokuwuthatha lomdlalo siwuse eGqeberha.”
