
AmaZulu Angaqesha UVilakazi Endaweni KaMartin
Iindaba eziphuma KwaZulu-Natal zidiza ukuba eliqela lingaqesha uVusumuzi Vilakazi avale isithuba sikaFranco Martin.
UMartin uzibone egxothwa leliqela leBetway Premiership emva kwesiqalo esibi kulesizini nalapho bebethwe imidlalo emithathu.
Ngaphantsi kwalendedeba yaseSpain, uSuthu luzibona lujongene nesiqalo esibi apho behleli emsileni kumanqwanqwa etafile.
Emva kokubethwa yiPolokwane City, Kaizer Chiefs neMarumo Gallants, abaphathi beliqela babone ukuba bohlukane nalomqeqeshi.
AmaZulu akhuphe isibhengezo ngomvulo, engqina ukuba iibhatyi zikaMartin zigcwele umoya, kodwa amarhe athe ndii nalapho lo kaVilakazi esayanyaniswa nesisikhundla.
FUNDA NALAPHA: Usompempe Uphawula NgoweChiefs NeSundowns
Ngokwengxelo ekhutshwe yiSowetan, uVilakazi nguye ohamba phambili njengomqeqeshi omtsha weAmaZulu FC.
Okwangoku, uVilakazi nguye ophethe iqela elidala kwiDStv Diski Challenge leAmaZulu, wafika kweliqela emva kokushiya iRichards Bay.
Nangona kungekho ngxelo ibambekayo ephuma kweliqela, kuvakala ukuba uMongameli uSandile Zungu anganika uVilakazi iintambo.
AmaZulu azakuqubisana neOrlando Pirates kumdlalo wabo olandelayo nalapho besiya eSoweto ngomhla ka25 kule imiyo.
“AmaZulu afikelele kwisigqibo sokwahlukana nomqeqeshi uPablo Franco Martin nomncedisi wakhe uAitor van den Brule,” atshilo AmaZulu ngomvulo.
“Sinqwenela ukuthabatha elithuba sibulele esi sibini uMartin noVan den Brule ngomsebenzi nangenxaxheba yabo kwezinyanga ezinagama15 kulomsebenzi.”
FUNDA NALAPHA: UMngqithi Ngobungozi Besithathu SeChiefs
Kusenjalo, uMartin ukhokele eliqela kwimidlalo engama39 naalpho ethe waphumelela elishumi elinesibini, elishumi elinesibini yadlalwa ngokulingana kodwa eli15 wabethwa.
Xa sijonga abaqeqeshi abaphulukene nemisebenzi, uMartin ulandela uDylan Kerr owalahla kwiGallants ngaphambi kokuqala isizini.
