
EZINTSHA: UNabi Udiza Ezokufika Kwabadlali Ababini
Umqeqeshi weKaizer Chiefs uNasreddine Nabi unochulumanco nalapho echaze ukufika kwabadlali ababini eNaturena.
UNabi udize iindaba ngoNjabulo Blom owayesakudlala kuMakhosi ngaphambi kokuntingela eMelika.
UBlom wathi wajoyina iqela elidlala kwiMajor League Soccer ngaphantsi komqeqeshi waseMzantsi Afrika uBradley Carnell.
Kodwa emva kokugxothwa kwakhe eMelika, uBlom uzibhaqe enegenandawo ngaphantsi komqeqeshi omtsha u John Hackworth.
FUNDA NALAPHA: OweStellies Uphawula Ngamarhe NgeChiefs

Lomdlali weBafana Bafana oneminyaka engama27, wayedlala kakuhle kuCarnell nalapho wadlala imidlalo engama37.
Kusenjalo, iChiefs ipapashe ukusayina umdlali weBafana wangasemva uBradley Cross, ezondaba zidizwe liqela ngolwesibini.
UNabi ichazele abeendaba ngababadlali kumsitho wokuphehlelela ngokusesikweni kweBetway Premiership eSandton, eRhawutini ngemva kwemini namhlanje.
“Ndonovuyo xa ndithetha ngoNjabulo. Wayesakuba ngumdlali wetu, ngumfana ophuma kolusapho,” usthilo uNabi kumajelo eendaba.
“Ndiqinisekile ukuba noko ukhulile ngoku, nesigaba akakuso sizochaza ukuba ukomnye umgangatho ngoku.
“Ndizakuqhubeka ndisebenze nekomiti yeqela lethu. Ndizimisele nokusebenza namalungu eqelala ebhentshini yaye sisafuna ukukhangela abadlali abaphambili.”
Xa sijonga iindaba ngoCross owayesakudlalela iGolden Arrows, lomfo ona23 usayine isivumelwano seminyaka emine.
“Siyavuya siliqela leKaizer Chiefs njengokuba sisamkela umdlali wesithandathu uBradley Cross,” itshilo iChiefs.
Lomdlali naye uphawule ngokufika kwakhe eNaturena, esithi uchulumancile yaye ukulungele ukuzinekela adlalae kakuhle.
“Ndiziva ndihloniphekile ukujoyina iChiefs, liqela elikhulu eli. Ndikulungele ukuzinikela ndincede iKaizer Chiefs iphumelele okanye ifezekise amaphupha ayo.”
FUNDA NALAPHA: UTau Uyazibhebhetha EzeChiefs NeSundowns
Lo kaCross ukhe wadalalela amaqela anje ngeNewcastle United eNgilani, Schalke 04 eJamani ngaphambi kweArrows ngo2022.
