
UChivaviro Uthi IGallants Yincwadi Engafundeki
Ifolosi yeKaizer Chiefs uRanga Chivaviro uthi iqela leBetway Premiership iMarumo Gallants liyincwadi engafundeki.
Lomdlali uthethe oku ngaphambi kohambo lwabo oluya eBhlomfanteni njengokuba bevula isizini yabo yeBetway Premiership ngomgqibelo.
IChiefs ingaphantsi kwesandla somqeqeshi omtsha uNasreddine Nabi ojonge ukubuyisa isidima salegenge yaseNaturena.
Lomdlali osuka kwiqela iGallants ngaphambi kokufika kwezinkunzi zaseSoweto, uthi kunzima ukufunda lencwadi ezama ukubhalwa nguDan Malesela nezakhe.
IGallants ifudukele eBhlomfanteni emva kokuthenga iMoroka Swallows nebijongene neengxaki zemali – lomdlali uthethe nabeendaba nolwesine eRhawutini.
FUNDA NALAPHA: Angahamba? Ikamva LikaKhune Alicaci eNaturena
Eliqela elaziwa ngeSiwelele Sa Marumo lijonge ukonwabisa abalandeli balo kwibala iFree State Stadium ngenjikalanga yangomgqibelo.
“Kunzima ukuhlalutya iqela leMarumo ngokuba lithenge abadlali abaninzi. Kodwa ke umsebenzi wethu kukujongana nesimo sethu,” utsho uChivaviro onamanqaku amane kwiChiefs emva kwemidlalo engama23.
“Kufuneka siye eBhlomfanteni sizinikele ngamandla.”
Ephawula ngomqeqeshi wabo omtsha, lefolosi eneminyaka engama31 ithi uNabi uncokole naye yaye umchazele ukuba uyasazi isakhono sakhe.
Esi sibini sakhe sadibana kwitumente yeCAF Confederation Cup njengoba uNabi wayekhokela iYoung Africans yaseTanzania.
“Kwiincoko esikhe sabanazo, uNabi undixelele ukuba uyandazi, yaye uthe uyasazi isakhono sam,” utsho lomdlali.
“Utshilo ukuba ulangazelela ukuba ndiqhubeke ndisenza kakuhle kulesizini. UNabi ngumqeqeshi ofuna ukuvisisa konke okwenzekayo ebomini bakho njengomdlali.
FUNDA NALAPHA: ‘IDowns Inomsindo’ – UWilliams Ulumkisa Abagxeki
“Sabanencoko entle kakhulu, ndinethemba singabona uRanga ofaka amanqaku rhoqo. Sizilungiselele kakuhle – ndinethemba lokufaka amanqaku kulempelaveki.
“Ukufika kwam kwiChiefs, kwiveki yam yesibini ndafumana umonzakalo, lilonke khange ndikwazi ukuzilungiselela kakuhle.
“Okwangoku ndingatsho ndithi kumnandi ukusebenza noNabi. Kuninzi endizakufunda mna yaye uhlala esikhumbuza ukuba iChiefs liqela elikhulu.”
