
OweSellies Unephupho Ngendebe YeMTN8
MTN8: Ikhankatha leStellebosch FC uSteve Barker uthi unephupho lokuphakamisa indebe yeMTN8 eThekwini ngomgqibelo.
Lomqeqeshi weStellies uthi wabaxelela kudala abadlali bakhe ukuba uyalangazelela ukuba yintshatsheli yeWafa Wafa nejongkuba bequbisana neOrlando Pirates.
Lomdlalo ozakubanjelwa kwibala iMoses Mabhida ujongwe ngabomvu ngabalandeli bebhola elikhulu nalapho eziMnyama zifuna ukuyiphakamisa okwesithathu iisizini zilandelelana.
FUNDA NALAPHA: UBroos Uyavuma Ezakhe Zisenalo Ithuba Kweyomhlaba
Kusenjalo, iqela likaBarker lidlala lomdlalo wamagqibela-kankqoyi okwesibini iisizini zilandelelana kodwa uyifungele iPirates.
“Kwelinye ixesha ukubanenyani kwam kuye kundichane kodwa ungalibuza iqela lethu ubuze nabadlali,” utshilo uBarker.
“Ngalamhla sifumana ukonyuselwa kwisigaba sePSL, ndatsho kubo abadlali ukuba eyona ndebe endibawela ukuyiphumelela kulesizini yiMTN8 ngokuba siyilwele.

“Akululanga ukungena kumaqela asibhozo ikakhulu mhla sasiqala kwiPSL yaye ndibaxelele ukuba ndihleli ndinephupha nombono wokuphakamisa lendebe.
“Lilonke njengesiqu, ndinomnqweno wokuphakamisa lendebe ukogqitha zonke iindebe. Ndiyakholwa ukuba ukuyiphakamisa kukhethekile.
“Ndinombono, ndiyibonile yaye ndiyayazi indlela yokuyiphumelela. Ndiqinesikile nabadlali bayayazi lonto – ndicinga nokuba banephupha njengam.
“Kufuneka sizinikele ngamandla senze izinto ngendlela eyohlukileyo. Kufuneka sibenesibindi sikhuthazeke. Siyazi ukuba asivali emva kwiqela elifana nePirates singathwala ubunzima.
FUNDA NALAPHA: IPirates Ingaphulukana NoMofokeng – Ingxelo
“Sinomsebenzi omkhulu kodwa asiyi kulomdlalo siyogcwalisa inani. Mabini amaqela ashiyekileyo. Kufuneka sizinikele xa sifuna ukuyiphumelela.
“Iphupho lam kukuza nodumo kubanto bonke bephondo leNtshona Koloni. Ndicinga ukuba sinethuba lokuvuselela umfutho kwibhola yasephondweni.”
“Ndiyayazi bakhona abantu abangayixhasi iPirates lonto ingenza sibavuselele nabo.”
