Kaizer Chiefs

UTau Uthi Angayamkela IR450 000 KwiChiefs

BETWAY PREM – Umdlali weBafana Bafana uPercy Tau uthi angayivuyela imali engangeR450 000 kwiKaizer Chiefs.

Lomdlali wangaphambili weBafana uzibhaqa engenalo iqela emva kokushiya iQatar SC emva kweenyanga ezisithandathu.

Ethetha noRobert Marawa kwiMarawa Sports Worldwide, uTau uthi ukhule eyithanda iChiefs.

Ngaphezu koko, uthi yena imali yakhe akayifunayo ihlala iyimali eyamkelekayo yaye uthi angayithatha iR450 000.

FUNDA NALAPHA: UMako Uyiphoxile iPirates, Umanyaniswa NeChiefs

“Ewe ndingayihoya into enjalo, ukuba andinalo iqela yaye iChiefs ithi yiza, ndingaya. Kodwa asekhona amanye amaqela kwiPSL,” utshilo uTau.

“Ndidlalile kwiSundowns, andikwazi kubabeka ecaleni. Liqela endalidlalela nendlithandayo yaye nabalandeli bayandithanda nam ndiyalithanda.

“Okokuba iSundowns ayindiniki ikanotraka yaye iChiefs indinike, asoyingxaki yam leyo okokuba ndingaya kwiChiefs.

“Kodwa ndingamamela wonke amaqela, masingayikhuphi iOrlando Pirates, iStellenbosch okanye iSuperSport United. Isigqibo sam sixhomekeke ekubeni ngubani ongandinika ikontraka.

FUNDA NALAPHA: UMshishi Ufuna Ukwenza Kweyendebe Yomhlaba

“Kunjalo ukuba iSundowns isandithanda kodwa kuzakuxhomekeka ekubeni ngubani ondifunayo ngokuba kufuneka ndixhase usapho lwam.

“Andikwazi ukuthethja ngemali endiyaziyo awuzukwazi ukundinika” nalapho lomdlali evuma ukuba angayithatha iR450 000 xa ebuzwa nguMarawa.

Lomdlali ozalelwa eWitbank ungomnye wabadlali abahonjisiweyo kwilizwekazi iAfrika njengokuba enendebe ezintathu zeCAF Champions League.