
UErtugral Uncoma Ezakhe Emva KoweChiefs
BETWAY PREM – Nangona beldlale ngokulingana neKaizer Chiefs, oweCape Town City uMuhsin Ertugral uncome ezakhe.
UErtugral uthi badlale ngcono kakhulu kwibala iFNB ngolwesithathu njengokuba bebuye nenqaku elinye.
Kusenjalo, iCity yohlulekile ukubuyela kwimpumelelo emva kokudlala imidlalo emithathu ngaphandle kokufumana amanqaku aphelele kweyeligi.
FUNDA NALAPHA: Ikhulu Lamanqaku KaShalulile Lenze Isimanga KwiDawana
Lomqeqeshi ongumanakadebona uthe kuhle ukubona umdlali ofana noEmile Witbooi esenza ezibukwayo.

“Kuhle ukudlalisa elityendyana, umdlalo ubunzima yaye ndicinga ukuba yiyo indlela yokufunda le. Besinamathuba amahle kwisiqingatha sokuqala,” utsho uErtugral.
“Simbonile uFortune Makaringe, uAmadou Soukouna bejongene nonozinti weChiefs uBruce Bvuma kodwa sohlulekile ukufaka amanqaku.
“Akukho nto igwenxa ukudlala uvala emva ikakhulu xa udlala neqela elinobungozi njengeChiefs. UFortune noKamohelo Mokotjo babonakale bediniwe yiyo lonto ndifake uThabo Nodada.
“Bendifuna ukuqinisa isisu sethu. Bokunzima emva koko kodwa ndiyalithatha elinqaku ngobunjalo.
FUNDA NALAPHA: UBroos Uncoma IPirates, Sundowns neStellies
“Nabo (Chiefs) babonakale benobungozi apha anaphaya kodwa sikwazile ukuphuma. Ndicinga ukuba besinamathuba amaninzi yaye sibonakalise ubungozi.”
Kumdlalo wabo olandelayo, iCity izakwamkela iMarumo Gallants ngomgqibelo kwibala iAthlone ngecala emva kwentsimbi yesithathu.
