Bafana Bafana

HALALA: Amajita Afikelele Kwindebe Yomhlaba

AFCON U20 – Iqela loMzantsi kwisigaba seU20 lifikelele kwindebe yomhlaba emva kokubetha iDRC ngenqaku elinye ngomvulo.

Eliqela elaziwa njengaMajita neliqeqeshwa nguRaymond Mdaka lithe lafikelela kwisigaba se-semi finals kwindebe yeCAF AFCON ebanjelwe eYiphutha.

Ngenxa yokuzibekela indawo kwi-semi finals, Amajita akwazile nokufikelela kwindebe yomhlaba ezakubanjelwa kwilizwe laseChile ngaphambi kokuba kuphele unyaka.

Nangona besokole ukufumana inqaku, lamatyendyana athe afumana ithuba awubona umnatha ngoThabo Mahlangu ngaphambi kokuba kuphele umdlalo.

FUNDA NALAPHA: Ishota Ngenqaku ISundowns Iphamakise Indebe Yesibhozo

UMzantsi Afrika kufanelekile ukuba ubulele unozinti uFletcher Smythe-Lowe okwazile ukuvala ngasemva enqanda ibhola ezinzima zeDRC.

EzikaMdaka ziwulawulile umdlalo kwisiqingatha sokuqala kodwa abakwazanga ukuwubona umnatha saphela esokuqala kungekho nqaku.

Emva kwekhefu, uLowe uphinde wenza akadume ngazo evala enye ibhola ngomzuzu wama60.

Kusenjalo, uLangelihle Phili uphose inqaku elihle ebelingabanika impumelelo emva komdlalo omhle ngoShakeel April.

FUNDA NALAPHA: Uyashiya URiveiro KwezaseSoweto IPirates

Emva kwemizuzwana, oweDRC uDaniel Tshilanda uzibone esendaweni entle kodwa wohluleka ukubetha uLowe kwibhola ende.

Ekugqibeleni, Amajita awubonile umnatha xa uMahlangu eqhatha abadlali ababini wakwazi ukuqhekeza iqanda.

EzikaMdaka zikwazile ukubambelela yaye zizakuhamba neNigeria, iMorocco kunye neEgypt ukuya eChile kwitumente ezakubanjwa ukusuka ngomhla ka27 kuSeptember ukuya ngomhla ka19 kuOctober 2025.