Kaizer Chiefs

Imkhulule iChiefs USam Emva Kwesizini Enye

CHIEFS: Ongumdlali waseqabangeni ngasemva uBongani Sam ukhangela iqela elitsha emva kokushiya iKaizer Chiefs.

Amakhosi adize ezindaba ngolwesine emva kwemini ichaza ukuba imnqwenelela okuhle kodwa uSam.

Lomdlali onamendu ufike eNaturena kwisizini egqithileyo kodwa akazibonakalisanga ngenxa yomonzakalo nokungafumani ithuba.

AbeSABC badiza ukua lomdlali waseGqeberha ebeneengxoxo neChiefs nalapho ebefuna ukuqhawula umtshato neliqela.

FUNDA NALAPHA: Isithembiso SikaPetersen Kubalandeli BeChiefs

Lomdlali ona28 owayesakudlalela iBloemfontein Celtic ufike kwiChiefs kwegqithile isizini kodwa wafumana umonzakalo ngaphambi kokuqala kwesizini.

Nangona ebeshiyeke neminyaka emibini kwikontraka yakhe, iChiefs ibone ukuba mayimkhulule uSam akhangele iqela elitsha.

FUNDA NALAPHO: Izembe ENaturena IChiefs Ikhulula UPotsane

Kusenjalo, ikamva likaSam belimfiliba emva kokufika kukaPaseka Mako kunye noNkanyiso Shinga abadlala kwindawo yakhe ukanti kusekhona noHappy Mashiane.

Ngaphandle kokudlalela iOrando Pirates neCeltic, uSam ukhe wadlalela iqela lesizwe labangaphantsi kweBafana Bafana.