
OweSwallows Udiza Umfutho Awumunye Kunozinti WeChiefs
Ethetha ngokukhethekileyo nelikhasi leendaba zemidlalo, umdlali wenkulisa yeMoroka Swallows uZuko Molefe (November) udiza inkuthazo ayifumana kunozinti weKaizer Chiefs.
UMolefe ungumzala kunozinti wezaseNaturena uBontle Molefe kodwa uthi iphupho lakhe kukuzibona edlalela amaqela amakhulu afana neChiefs kunye neOrlando Pirates.
Elityendyana lizalelwa kwilali yaseBlue Gums kwisithili saseHeshele eSterkspruit ngaphantsi koMasipala iSenqu kwiphondo leMpuma Koloni.
Nangona ezifumana eRhawutini nje nalapho ebaleka kwezaseDube iSwallows nethe yathengiswa njengoba kusaziwa ukuba ingaphantsi kwabaphathi beMarumo Gallants – uthi izifuna ebaleka kwisigaba sePSL kungentsuku zatywala.
FUNDA NALAPHA: Zikrakra Eziphuma ENaturena Ngomqeqeshi
UMolefe uchaza ukuba ibhola wayincanca kuyise nangona engenambele nje, uVusumzi November owaysaziwa ngelikaCareca, esithi nguye omnika iimpiko nenkxaso yokuba afikelele kwisigaba sabahlawulwayo ebholeni ekhatywayo.

Lomdlali wangaphambili wePlatinum Stars engaphantsi kwesandla sikaLuvuyo Busakwe owaysekuba ngunozinti, uveza nendlela afumane umfutho kulomqeqeshi.
“Ndingumdlali weMoroka Swallows sithetha nje yaye ndinephupha lokuba nam ndizibone kwiqela elikhulu ngenye imini,” utsho uZuko Molefe.
“Ndaqala ukuzibona ukuba ndinesakhono ngexa ndandidlala kwiPlatinum Stars eBlue Gums. Ndahamba ndayokudlala kwiElite Royals ngaphambi kokuza eRhawutini kwiSwallows.
“Kumnandi kakhulu okwangoku, sizuza okuninzi njengabadlali ngaphantsi kwabaqeqeshi bethu ubeSwallows…ndidlala eqabangeni lasekhohlo ke mna.
“Iphupha lam kukufika kwisigaba sabahlawulwayo (Betway Premiership) ngaphantsi kwePSL ngaphambi kokuba ndifike kwiminyaka engama20. Ndiyakulangazelelela nokunxiba ijezi yesizwe.
“Ndifuna ukulifezekisa elophupha ngaphambi kokuba ndibeneminyaka engama23.”
Lomdlali onekamva eliqaqambileyo nowaziwa ngelikaNovington ebholeni, wongeze ngelithi umzala wakhe uBontle nguye umnika ithemba lokuba ngenye imini naye uzakuphumelela.
UMolefe uzenzele udumo kwiqela lakhe langaphambili Elite Royals yaseZastron edlala kwiSAB Motsepe League nalapho wathi waqokelela iindebe njengomdlali ovelele.
“Yandikhuthaza kakhulu into yokuzuza iindebe ezinje ngePlayer of the Season, Player’s Player of the Season kunye neYoung Player of the Season kuquka neTop Goalscorer ngo2021,” litsho elityendyana.
“Emva kokuqhuba kakuhle kumdlaLo wethu neDyunivesithi yasePitol (AmaTuks), ndafumana umnxeba osuka kuAviwe Ndayi okokuba iSwallows inomdla yaye ifuna ukundityikitya ndibengumdlali wayo.

“Umdlalo wam wokuqala kwiSwallows, ndiyakhumbula sasiqubisana neBoksburg Academy ngaphambi kwesizini ka2023/24 (yeEast Rand League nalapho ezaseDube zithe zayiphumelela lendebe ngecawa). Ndaqhuba kakuhle kulomdlalo kodwa ndiyavuma kuninzi ekusafuneka ndikufundile kwibhola ekhatywayo.
“Nangona ndikwazi ukudlala kumacala omabini, ndisafuna uikufunda ndikhule nam ebholeni.”
Lomdlali uphinde wadiza ukuba yintoni enomtsalane ngendlela edlala ngayo iChiefs, Pirates nezikaSteve Barker iStellenboach FC.
“Ndiyakhumbula sisaqeqeshwa nguTa Mpoza ongumphathi wePlatinum Stars. Nguye owabonakalisa ukundithemba,” uyaqhuba lomdlali.
“Wandipha ithuba ndisemncinci, 14, wandinceda kakhulu. Ndilapha nje kungenxa yakhe, wayeyikhathalele indlela endiziphethe ngayo ebaleni nasekuhlaleni.
“Lonto yandenza ndatsalwa yindlela uThembinkosi Lorch weMamelodi Sundowns noRelebohile Mofokeng wePirates ngendlela abadlala ngayo.
“Usemncinci uMofokeng kodwa isibindi anaso singummangaliso. Andikwazi ukuyilibala itandokazi yam uCristiano Ronaldo – isimilo sakhe nendlela azinikela ngayo ingaphaya kokuqonda.
“Ndasokola kancinci ukufika kwam kwiSwallows kodwa abaqeqeshi bazenza iinzame okokuba sidlale rhoqo. Sizinze eGermiston eKurhuleni okwangoku. Liwonga ukudlalela eliqela elinembali.
“Kuninzi esikufundayo ngathi nangomdlalo kubaqeqeshi bethu ukuba sisebenze ngokuzinikela. Ubona nangendlela esiziqeqesha ngayo. Akekho umdlali onokungalivuyeli elithuba. Abaqeqeshi bethu uThabo Molefe noModise Molefe.
“Bayaziwa ngokuvelisa abadlali abadumileyo eMzantsi. Ndithetha nawe nje, sihleli kwindawo yokuqala kuleligi yethu.
“Ndingabalula uFortune Makaringe, Zakhele Lepasa, Ndabayithethwa Ndlondlo nabanye abaninzi. Badumile aba badlali kwbisigaba sePSL.”

FUNDA NALAPHA: UBroos Akawuvali Umlomo, Utyibela OwePirates
Ethetha ngamaphupho wakhe lomdlali, uMolefe uthi uzibona edlalela amaqela amakhulu afane neeGlamour Boys kuquka nezimnayama ngenkani njengokuba zixhaswa nguyise, uVusumzi.
“Ndiyamazi uBontle ke, ngumzala wam yaye siyancokola rhoqo kangangokuba sizakubonana emva komdlalo wabo neMarumo Gallants,” uyadiza uZuko.
“Inika inkuthazo ukubona umntu okufuphi nawe edlalela iqela elikhulu. Nam ndifumana nomfutho xa ndimbona.
“Indidlalela kamnandi iStellebosch, inesiseko esihle esiluqilima kodwa iPirates yenza izinto zamehlo.
“Badlala ngamendu, ngesakhono – ndigathanda ukuyidlalela iPirates, oluhlobo lwebhola kunye nolu lweChiefs lungandifanela.”
