Bafana Bafana

UBroos Akafuni Kuphawula Ngengxaki KaMokoena

BAFANA – Ikhankatha leBafana Bafana uHugo Broos uyala ukuphawula ngengxaki ebandakanya uTeboho Mokoena.

IBafana ijongene nokuphulukana namanqaku amathathu emva kokudalisa uMokoena bequbisene neqela laseLesotho ngolwesihlanu ogqithileyo.

Lomdlali weMamelodi Sundowns ebenqunyanyisiwe kulemidlalo yokuzibekelaindawo kwindebe yeFIFA World Cup ngaphambi kwalomdlalo kodwa abaphathi beSAFA abakwazanga ukuyiqaphela lonto.

Ngesosizathu, uFIFA kulindeleke ukuba athabathe isigqibo yaye iBafana ijongene nokuphulukana namanqaku amathu njengesigwebo.

FUNDA NALAPHA: UBroos Unovuyo IBafana Inqunqa IBenin

Nangona abaphathi beqela leLikoena besithi abazukufaka isimangalo kuFIFA, iindaba zidiza ukuba uFIFA angahle axhuzule amanqaku okanye agwebe iSAFA imali ngalempazamo.

Emva kokubetha iBenin ngamanqaku amabini eqandeni ngolwesibini, uBroos uthe wonwabile ngomsebenzi omhle kodwa walile ukuphawula ngalengxuba-kaxaka.

Mokoena

“Ndiyavisisa nifuna ukwazi ukuba ndicinga ntoni ngalengxaki kaMokoena, kodwa andizukwazi kuphawula,” utshilo uBroos.

“Yinto engasombululeka kwiiveki ezizayo le. Kufuneka silinde sibone ukuba izakuphelela phi.

“Into endingayitsho kukuba kufuneka siqhubeke nokusebenza nzima. Asikwazi kucinga ngezinye izinto okanye sithi umsebenzi siwugqibile.

“Kodwa ngabadlali esinabo kweliqela, okokuba asizenzi izinto zobubhanxa, sinalo ithuba lokuya kwindebe yomhlaba.”

Kusenjalo, okokuba uFIFA utsala amanqaku weBafana njengokuba beshiyeke nemidlalo emine, bangashiyeka benamanaqaku alishumi ebhodini emva kokudlala esithandathu.

FUNDA NALAPHA: Ubuyile UTau Kwiqela LeBafana Bafana

Kwimidlalo eshiyeke kuGroup C, kusafuneka bejongene neRwanda, Zimbabwe ekuhambeni kunye neBenin neNigeria ekhaya.

Okokuba isigwebo sokutsalelwa amanqaku siyathatyathwa nguFIFA, ezika Broos kuzakunyanzeleka ziyiphumelele yonke lemidlalo emine eshiyekileyo.