
Isithembiso SikaPetersen Kubalandeli BeChiefs
CHIEFS: Ethetha nabeSABC, unozinti weKaizer Chiefs uBrandon Petersen uthi bayamvisisa umqeqeshi uNasreddine Nabi kunakuqala.
Lonozinti uthethe kanje emva kokubethwa yiAsante Kotoko kumdlalo wokulingeselela isizini ka2025/26 yeBetway Premiership.
Nangona esithi babethiwe nje, uthi nook likhona ithemba ngokuba sebenesizini egcwele nomqeqeshi uNabi kunye negqiza lakhe.
UPetersen uthi lomdlalo weToyota Cup ubancedile bazibone ukuba bamephi ngamalungiselelo wabo.
FUNDA NALAPHO: Izembe ENaturena IChiefs Ikhulula UPotsane
“Ukuba uyajonga kwisizini egqithileyo, besiqala ukudibana nabaqeqeshi abatsha, nemibono emitsha nendlela yokudlala,” utshilo lonozinti.

“Sasingaqinisekanga ngezinto ekakufuneka sizenze kodwa kulesizini ezayo sesiyibona indlela. Nabanu bayabona ukuba sizimisele ngantoni na.
“Siyavisisana njengabadlali yaye ndicinga ukuba into ebalulekileyo kukuba sizazi indima ekufuneka siyidlalile.
FUNDA NALAPHA: Ugalelekile ETanzania Umdlali WeSundowns
“Ndiqinesikile ukuba ukususela ngoku, ndiyazi ukuba sizakwenza ngcono. Ewe zisekhona izinto ekufuneka sizilungise njengeqela.
“Lilonke ndingatsho ukuba abantu bazakubona iKaizer Chiefs enenguqu kulesizini – ndiyathemba ukuba sizakwazi ukuqala umdlalo ngasemva sikwazi nokuvala ukanti siyigcine nebhola.”
