Betway Premiership

Ilahlekelwe ISundowns Kusonzakala uCoetzee

BETWAY PREMIERSHIPIMamelodi Sundowns ijongene neshwangusha lokulahlekelwa nguRivaldo Coetzee njengokuba echaza uManqoba Mngqithi.

Ngokwengxelo ephuma kumqeqeshi uMngqithi, uCoetzee uzakuhlala ngaphandle isithuba esingangeveki ezine emva komonzaka obizwa ngeACL.

Emva kokubetha iPolokwane City ngamanqaku amabini eqandeni ngolwesithathu, uMngqithi ubhengeze lelahleko ngalomdlali waseKakamas.

FUNDA NALAPHA: UMngqithi Uphosa Intselelo KuRiveiro NePirates

UCoetzee unesakhono sokudlala iindawo ezininzi ebaleni kodwa ngenxa yamashwa xa sithetha ngokwenzakala, akahambeli phambili ebholeni.

Lomdlali wasesiswini oneminyaka engama28 uqale kakuhle isizini yeBetway Premiership kodwa uzakuhlala iiveki engadlali.

Nangona kunjalo, uMngqithi unethemba lokuba uCoetzee angabuya alincede iqela lakhe kwitumente yeCAF Champions League, Nedbank Cup kunye neFIFA World Cup.

Coetzee

Ukonzakala kukaCoetzee kulandela okwekapteni uThemba Zwane ozakuhlala iinyanga emva kokulimala edlalela iBafana Bafana kwinyanga ephelileyo.

“uRiva unomonzakalo onobuzaza yaye angaphuma emdlalweni iiveki okanye isithuba esingaphezu koko,” utshilo uMngqithi.

“Kufuneka atyandwe, ndicinga ukuba kuleveki ezayo kodwa ndingatsho ndithi imbi imeko.

FUNDA NALAPHA: UMakgopa Ubuyele Kwiqela LeBafana Bafana

“Ndiyathemba uzakubuya asincede xa simdinga ekuzeni kuphela kwesizini.”

Kusenjalo, emva kokuquthisa iKaizer Chiefs ngo4-0, aMasandawana azakujongana neMarumo Gallants koweCarling Knockout Cup ngecawe eBhlomfanteni.

Emva koko, iSundowns izakujongana neqela laseDR Congo iManiema Union kwiCAF Champions League ePitoli.