
BAFANA: UBroos Akaphumi Egusheni NgoMothwa
Umqeqeshi weBafana Bafana uHugo Broos ujongene nengxaki yokwenza isigqibo ngonozinti uVeli Mothwa ngolwesibini.
IBafana isekuhambeni ityelele iSouth Sudan komnye umdlalo wabo wokuzibekela indawo kwitumente yeCAF African Cup of Nations eMorocco kumnyaka ozayo.
Xa sibuyela nje emdlalweni weBafana neUganda ngolwesihlanu, uMothwa wenze iimpazamo ezikhokelele ekubeni iiCranes zifake amanqaku amabini.
Lomdlalo ububanjelwe eOrlando Stadium ngokuhlwa ngolwesihlanu ufake uxinzelelo kwiqela likaBroos njengokuba benyanzelekile ukuba babuye nempumelelo eJuba.
Lo kaBroos uthi udanile ziimpazamo zikaMothwa ophuma kwiAmaZulu kodwa akafuni kuphuma egusheni ukuba indawo yakhe ingathathwa nguSipho Chaine okanye uRicardo Goss kusini na.
FUNDA NALAPHA: ‘Awukwazi Kufanisa Indlovu Nembovane’ – Utsho UJomo

Lengxaki ejongene noBroos ivela njengokuba uRonwen Williams esalulama emva kotyando, uthi akukhomnandi ukubona unozinti esenza iimpazamo ezinje ngezikaMothwa.
“UMothwa unomoya ophantsi ngoku ngenxa yeempazamo zakhe. Ndizakubona imeko yakhe ihamba kanjani kodwa ukuba akawulungelanga umdlalo andizumfaka ngenxa yokuba angenza ezinye iimpazamo,” itsho lendedba yaseBelgium.
“Akenzanga okuninzi kulomdlalo wethu neUganda kodwa iimpazamo ezimbini ziyenze yanzima imeko yakhe. Ndiyayiqonda akonwabanga yilonto.
“Andifuni ukutsho ukuba ngenxa yeempazamo zikaVeli ngabe siwuphumelele umdlalo. Le nto ingenzeka nakowuphi na unozinti kodwa andizisoli ngokumdlalisa.
“Sizimisele ukwenza iinzame silungise isimo sakhe sengqondo – sizakubona ukuba kungenzeka na oko.”
FUNDA NALAPHA: UBroos Akawuvali Umlomo, Utyibela OwePirates
Ephawula ngomdlalo wabo neqela elingaziwa kakhulu iSouth Sudan, uBroos uthi uyalivuyela inqaku alifumene kwiUganda.
Nangona kunjalo, umqeqeshi uthi unethemba abadlali bazokwenza ngcono ngolwesibini nalapho ejonge impumelelo khona.
“Iinguquko esizenzile emdlalweni zisiphathele umdlalo ophucukileyo kodwa bokunzima. Bokungeke kubemnandi ukuba besibethiwe kulomdlalo,” uyaqhuba umqeqeshi.
“Inqaku lisinika ithemba nomfutho ngaphambi komdlallo wethu wangolwesibini. Kunyanzelekile sibe neqela elibukhali.”
