
UNabi: IChiefs Iwulungele Umlo NoSuthu
Umqeqeshi weKaizer Chiefs uNasreddine Nabi uthi ezakhe ziwulungele umlo neAmaZulu FC ngokuhlwa kwangolwesithathu.
Lomdlalo weBetway Premiership uzakubanjelwa kwibala iMoses Mabhida Stadium ngecala emva kwentsimbi yesixhenxe.
Ethetha ngaphambi komdlalo wesibini kweligi, uNabi uthi unethemba lokuba ezakhe zisemandleni emva kwempumelelo kwiMarumo Gallants kowokuvula isizini.
FUNDA NALAPHA: URiveiro Akawuvali NgeJoni Lakhe uMakgopa
IChiefs ingaphantsi koxinzelelo lokuguqula imeko yayo ivuselele namathemba kubalandeli bayo njengokuba bengazange bafikelela kwiMTN8 kulesizini ephelile.
“Ixesha esibanalo ngaphakathi kwemidlalo yethu ingasinika ingxaki. Ukuba uneveki yokuphumla phakathi kwemidlalo, ikhona ongaphulukana nayo,” utsho uNabi.
“Kodwa ke abaqeqeshi abajongene nemeko (fitness trainer) yokulungela imidlalo basebenze kakhulu. Ndiyathemba abadlali bethu bakwimeko elungele lomdlalo.
“Amalungiselelo wethu ahambe kakuhle. Siyibukele imidlalo yeAmaZulu yaye sahlalutya amandla neempazamo zabo.”
UNabi udibana nomqeqeshi amaziyo njengokuba uPablo Franco Martin wayesakuqeqesha iSimba FC kwelaseTanzania – lo weChiefs yena wayekwiYoung Africnas.
“Ndiyamazi uMartin, ngumhlobo wam. Wayengomnye wabaqeqeshi abakhulu eTanzania – ndiyamhlonipha kakhulu,” uyaqhuba uNabi.
“Lilonke, sizilungiselele yaye sizakubona ukuba umdlalo uhamba njani. Ndiyathemba wonke umntu uzakuwonwabela lomdlalo.”
FUNDA NALAPHA: OweCity Utyholwa Ngokungafuni NgoAppollis
Kusenjalo, abasingathi balomdlalo bajonge impumelelo emva kokubethwa yiPolokwane City ngo2-1 kowokuvula lesizini.
Nangona babethwa ngenxa yempazamo kaVeli Mothwa ongunozinti, umdlali uBen Motshwari uthi akanavalo lwezaseNaturena.
“Sizithembile ngomdlalo wethu. Sizibonakilisile kwisizini egqithile ukuba siyakwazi ukudlala, silwe namaqela amakhulu,” utsho lomdlali.
“Asiqhubanga kakuhle kumdlalo ogqithile, silungisa ezompazamo kungoku nje.
“Kodwa yonke into ihamba kakuhle, izinto ziyathembisa – kufuneka silungise nje izinto ezincinane.”
