
EZINTSHA: Ikamva Limfiliba Kumdlali Ochithwa YiChiefs
Ezintsha eziphuma eNaturena zithi umdlali wasesiswini uSibongiseni Mthethwa angahle achithwe yiKaizer Chiefs njengokuba ikamva limfiliba nje.
Kuvakala ukuba iqela lakhe langaphambili iStellenbosch kunye namaZulu awabonakalisi umdla ngakulomdlali.
UMthethwa ufike kwiqela laMakhosi kwisizini egqithileyo kodwa kubonakala ingathi iintsuku zakhe zibaliwe ngaphantsi komqeqeshi omtsha uNasreddine Nabi.
Ngokwengxelo ekhutshwa yiDiski Times, uMthethwa ungomnye wabadlali abazukubona umnyango abangena ngawo eNaturena.
Nangona wayenconywa nguSteve Barker nje, iStellies ingathi ayisatshayi ngalonqawe njengokuba eliphephandaba lichaza.
FUNDA NALAPHA: UMngqithi Nezakhe Bagxeleshe Indebe YeLigi
Lomfo ozalwa kwiphondo iKwaZulu-Natal wazakhela udumo ngaphantsi kukaBarker ngaphambi kokujoyina iChiefs kweyoMsintsi nyakenye.
Kodwa akubonakali lomdlali weBafana Bafana enendawo kwezinkunzi zaseSoweto njengokuba eliqela lizimisele ukubuyisa isidima salo ngaphantsi kukaNabi osandula ukufika.
Lomdlali odume ngelikaOx ebholeni udlale imidlalo engama 20 njengoba iiMpofana zingakwazanga ukufika kweyeMTN8 kulesizini ephelile.
Nangona kunjalo, esisigqegqana asikwazanga ukuzifumanela indawo embindini webala.
“Eliphepha-ndaba lifumanisa okokuba uMthethwa unikezelwa kumaqela anje ngeStellies ngokwemboleko kodwa ezikaBarker azinamdla,” itsho iDiski Times.
“Okwesibini, kuvela iingxelo zokuba uye wanikelwa kuSuthu lomdlali kodwa kuyacaca ukuba ezaseThekwini nazo zisichithile eso sicelo.”
FUNDA NALAPHA: BAFANA: UBroos Akaphumi Egusheni NgoMothwa
Ngaphezu kwekamva elimfiliba, kuvela ukuba uNabi umdlalise kwindawo angayiqhelanga lokMthethwa.
Umsusile embindini webala wamdlalisa emva kumdlalo wabo neDyunivesithi yasePitoli (Tuks) kwiveki ephelileyo kodwa akwalunga.
Njengoba isizini yokurhwebelana ngabadlali kulindelwe ukuba ivale ngomhla ka20 kule imiyo, iChiefs kulindeleke ukuba isebenze ngamandla imfumanele iqela lomfo.
