
Umdlali WeSundowns Uvumbuke KwiChiefs
BETWAY PREM: Umdlali weMamelodi Sundowns uEtiosa Ighodaro uvumbuke kwiqela elizimbangi iKaizer Chiefs.
Lomdlali waseNigeria ukhe wadlalela iChippa United, SuperSport United, AmaZulu njengokuba ibibolekisa ngaye iSundowns.
Emva kokumsayina ngokusesikweni, umlawuli weChiefs uKaizer Motaung Jr uthe kuyamvuyisa ukuba nomdlali onesakhono kwiqela lakhe.
FUNDA NALAPHA: Ubuhlungu Kusweleka Owayesakudlala KwiPirates
UMotaung tuhe kuhle ukufumana umdlali wangaphambili njengokuba belungiselela ukudlala neRichards Bay ngolwesibini.
Lefolosi eneminyaka engama24 ibidlalela Usuthu kwisizini ephelile kodwa usayine isivumelwano seminyaka emibini kwiChiefs kodwa angayongeza ngomnye unyaka.
“Siyamamkela uEtiosa kweliqela lethu nakusapho lwethu,” utshilo uKaizer Jr.
“Kuluvuyo ukuba nomdlali ofana naye ongena koluhambo lwethu. Umsebenzi wakhe siyawazi, uyazinikela emsebenzini.
“Siyazi nokuba uzakuncedisa eliqela yaye silindele okuninzi kuye kulesizini nakwezizayo.
FUNDA NALAPHA: UManqoba Uthi Bagacele Ukubetha ISundowns
“Sinethemba lokuba sizakwazi ukwenza imbali njengokuba ezakunxiba ijezi yethu etyheli namnyama.”
Kusenjalo, iChiefs ithe yasayina uLuke Baartman noAsanele Velebayi abasuka kwiCape Town Spurs ezakudlala kwiABC Motsepe League.
