
Uhambile UTimm, UMaela Ubeka Phantsi KwiPirates
BETWAY PREM – IOrlando Pirates idize ukuba uyahamba uMiguel Timm yaye uInnocent Maela uxhoma iikoks zakhe.
Lomdlali wasesiswini uTimm uzakuzifunela iqela elitsha njengokuba isivumelwano sakhe siphelelwa xa kuphela lenyanga.
Kuvele iindaba zokuba iPirates ibijonge ukumkhulula lomdlali owayesakubaleka kwiTS Galaxy, njengokuba imnqwenelele okuhle kumakhasi onxibelelwano.
Ezindaba zivela emva kokudlala ngokulingana neMagesi FC koweligi ngolwesithathu – nomqeqeshi uMandla Ncikazi ungqinile ngoMaela.
FUNDA NALAPHA: Igqala LeDawana Lisafuna Enye Indebe Yeligi
Kusenjalo, zithe ndii indaba zokuba UMaela angahle aqeshwe leliqela nangona iminyaka isamvumela – una 32 ukanti uTimm una 33.

UTimm wafika kweziMnyama kwiisizini ezintathu ezigqithile apho ethe waphumelela iindebe zeNedbank Cup ezimbini, kunye nezintathu zeMTN8.
Kodwa ke njengokuba iPirates izimiselele ukudlalisa abafana abancinci, kuye kwacaca ukuba akanandawo uTimm noMaela.
Xa sijonga amanani kaMaela ozalelwa eWitbank nongubhuti kaTsepo Masilela, udlale imidlalo engama208 waphakamisa iindebe ezisithandathu njengokapteni.
FUNDA NALAPHA: UMshishi Uncoma Inkxaso KaVilakazi
“Unesakhono uMaela, ukhaliphile yaye ngumntu onemfundo kwasemva kowabo. Yintsikelelo yaye ndiqinisekile ukuba unekamva eliqaqambileyo,” utshilo uNcikazi.
“Ungumdlali endingatsho ndithi ayisosiphelo esi kuye. Uzakuthabatha esinye isigaba okanye indlela kulomsebeni wakhe njengokuba engumntu ofundile nangesimilo sakhe.”
