
MTN8: UMaela Udiza Iinjongo ZePirates
IOrlando Pirates ifuna ukuba liqela lokuqala ukuphumelela iindebe yeMTN8 okwesithathu, ukapteni uInnocent Maela uthetha ngeenjongo zabo.
Ngaphantsi kukaJose Riveiro, iPirates iphumelele lendebe iisizini ezimbini zilandelelana kodwa uthi abajonganga lonto.
UMaela uthethe namajelo eendaba ngolwesibiini esithi iinjongo zabo kukwenza konke okusemandleni ukuba bawulungele lomdlalo.
Njengokuba bequbisana nezikaSteve Barker iStellenbosch FC ebethe iMamelodi Sundowns kwisigaba esigqithileyo, iPirates ijongwe njengentandokazi kulomdlalo.
Ngaphezu koko, lomdlali wangasemva wePirates ugqiba kwenza imbali apho efikelele kwimidlalo engama200 kweziMnyama Ngenkani.
FUNDA NALAPHA: UBarker Ugxeleshe Imbali Ngendebe YeMTN8
Eqhuba, uMaela ozalelwa eWitbank uthe lomdlalo ubanika ithuba elikhulu lokubhala iincwadi zembali – ufuna ukuba ngukapteni okuqala ukuphakamisa iindebe ezintathu zeMTN8.
“Ngalo lonke ixesha sifumana ithuba lokwenza imbali sishiye umqela, siyakhuthazeka njengeqela,” utshilo uMaela.
“Kodwa ke into ebalulekileyo kukuzilungiselela kakuhle kuleveki. Sifuna ukuzilungiselela kakuhle singacingi kakhulu ngembali.
“Sinethuba njengeqela lokwenza imbali sishiye umqela kweliqela elikhulu kangaka njengePirates. Ngokucacileyo iyakhuthaza lonto.
“Andifuni kuphosisa, asiyicingi kakhulu into yokwenza imbali kodwa sifuna ukudlala kakuhle njengesiqhelo.
“Amalungiselelo abalulekile okwangoku. Sizimisele ukuwuthatha lomdlalo njengayo yonke imidlalo yethu.”
FUNDA NALAPHA: AmaZulu Angaqesha UVilakazi Endaweni KaMartin
Xa sijonga imbali kaMaela, ukhokele ezaseOrlando ngempumelelo kwezisizini ezimbini ngaphantsi kukaRiveiro – unethemba lokwenza imbali kwibala iMoses Mabhida.
Lomdlali oneminyaka engama32 ukwazile nokuphakamisa indebe yeNedbank Cup ezimbini yaye ujonge ukuvuyisa abalandeli ngomgqibelo.
Akukho mathandabuzo ukuba lomdlalo ujongwe ngamehlo abomvu njengokuba amatikiti athengiswa aphela ngaphantsi kweeyure ezintathu.
