
Ndinoxanduva Ngendaba KaMokoena – Utsho UBroos
BAFANA: Umqeqeshi weBafana Bafana uHugo Broos uthi naye uyazityhola emva kokuba uFIFA egwebe uSAFA ngendaba kaTeboho Mokoena.
UFIFA udize ukuba uzakoxutha iBafana amanqaku amathathu emva kokudlalisa uMokoena mhla babedlala neLesotho kwimidlalo yokuzibekela indawo kwindebe yomhlaba kunyaka ozayo.
UFIFA udize esisigwebo ngomvulo nalapho iBafana ishiyeke namanqaku ali14 kwindawo yesibini emva kweBenin.
Ngaphambi kwemidlalo yabo kulenyanga neZimbabwe kunye neRwanda, uBroos udize iqela lakhe yaye wamemezela inkxaso kubalandeli beBafana.
FUNDA NALAPHA: Usenomvandedwa Ngamanqaku Bedlala NeBrazil
“Abantu mabayeke ukujonga ukuba ngubani okufanele athabathe inxaxheba okanye abekwe ityala ngendaba kaMokoena,” utshilo uBroos.
“Sonke siyazenza iimpazamo. Ngaphakathi kwekhadi elityheli lokuqala likaTeboho nelesibini kubezinyanga ezingama16 ngaphambi kokunqunyanyiswa.
“Sidlale imidlalo yeAFCON itumente sadlala neyokuzibekela indawo kwiAFCON kuquka neyeWorld Cup qualifiers.

“Ibingamelekanga ukuba yenzeke le, yimpazamo kodwa ke iyavisiseka. Ndiyabona ukuba umphathiswa uGayton McKenzie ufuna ukuphanda ukuba ngubani okufanele athathe uxanduva.
“Ndiyalithabatha uxanduva njengomqeqeshi. Kwakufuneka ndiyazile lonto. Abancedisi bam nabo banoxanduva kuquka nomdlali kumye nabasebenzi okanye abaphathi beSAFA.”
IBafana izakuqubisana neZimbabwe ngomhla ka10 eThekwini kwibala iMoses Mabhida kulandele umdlalo neRwanda ngomhla ka14 kwibala iMbombela eMpumalanga.
FUNDA NALAPHA: EZINGENAYO: Uswelekile Owaziwa KwiSundowns
Nali iqela likaBroos eliphelele:
Goalkeepers
Ronwen Williams, Ricardo Goss, Sipho Chaine
Defenders
Malibongwe Khoza, Khuliso Mudau, Aubrey Modiba. Khulumani Ndamane, Mbekezeli Mbokazi, Thabang Matuludi, Samukelo Kabini, Nkosinathi Sibisi
Midfielders
Teboho Mokoena, Sphephelo Sithole, Bathusi Aubaas, Thalente Mbatha
Strikers
Thapelo Morena, Oswin Appollis, Sipho Mbule, Iqraam Rayners, Lyle Foster, Tshepang Moremi, Mohau Nkota, Relebohile Mofokeng.
