
UMngqithi Uphosa Intselelo KuRiveiro NePirates
BETWAY PREMIERSHIP – Umqeqeshi weMamelodi Sundowns uManqoba Mngqithi uthi uyathandaza ukuba iOrlando Pirates ibe izakukwazi ukulwela iligi.
UMngqithi uphawule ngomdyarho weligi emva kokubetha iRoyal AM ngolwesithathu eLoftus Versfeld esithi kusekusasa ukuthetha ngeentshatsheli.
Xa ujonga isiqalo sePirates neSundowns kulesizini, lamaqela ngawo wodwa aphumelele yomine imidlalo, kodwa eli khankatha lithi iPirates izakubasengxakini.
FUNDA NALAPHA: Uxinzelelo KwiAmaZulu Kodwa Awayoyiki IPirates
Zombini ezinkunzi zePSL zingenile kwitumente yeCAF Champions League yaye uMngqithi uthi akuzubalula kwezikaRiveiro xa kujongwa abadlali malunga nokudinwa njalo njalo.
“IPirates ineqela eliqinile yaye ngabo abangasinika ingxaki nomlo xa sithetha ngomdyarho weligi. Ndiyathemba yaye ndiyathandaza ukuba babe kanti banabadlali aboneleyo,” uphawule uMngqithi.

“Siyakhumbula bangenile kwitumente yeChampions League kanti bayayifuna neligi. Kulapho ndicinga ukuba sizakohlukana khona.
“Ndiyakholwa baneqela elihle yaye bayazama ukwenza iinguqu kwiqela labo. Ngelishwa ayisebenzanga lonto kwiveki ephelileyo kwiCarling Knockout Cup.
“Akuhambanga kakuhle kumdlalo wabo neMagesi FC njengokuba bekhutshiwe kuletumente kodwa ngokwenyani, ndicinga ukuba liqela elizokuba nobungozi.
“Ndisatsho nangoku ukuba baliqela elingaqhubi kakuhle xa bedlala namaqela amancinci kodwa basenza kakuhle okwangoku.
FUNDA NALAPHA: UHlatshwayo Unovalo NgeChiefs Evuthayo
“Nangona kunjalo, masingangxami sithethe kodwa masiqhube nemidlalo ngokuba kulapho ndicinga ukuba sizakubona khona ukuba iligi iya kweliphi icala.”
Kusenjalo, lamaqela abambene ngamanqaku kumanqwanqwa etafile, omabini anamanqaku alishumi elinesibini – kodwa iPirates ingabuyela phezulu xa ibetha AmaZulu FC ngolwesihlanu.
Zona ke iintshatsheli amaSandawana, zisendleleni ngecawe esiya ePolokwane ukuyodibana nePolokwane City.
